The Eagle Story Companion Guide - Xhosa (Lydia du Toit)
Product description
Ukuvuka kuKrestu kufana nokuthi tyapha kokusa- Wakubona oko kukhanya kokuqala, uvele wazi ukuba imini epheleleyo neqinileyo ayina kuthintelwa.
Yamkeleka ke kwinzaliseko yobuKumkani Isigubungelo Siphakanyisiwe, Asisekho Khawuthabathe umzuzu uphefumle ngokunzulu, kwaye uyivumele le nyaniso izinze emoyeni wakho.
Ubugaba bonke boloyiso lukaKrestu bubandakanya bonke!
Hayi nje qha abathile okanye “abafaneleyo” kodwa BONKE!
Wena, nabamelwane bakho, neentshaba zakho, nosapho lwakho- Bonke babandakanyiwe kwaye akho ungaphandle kulwango lothando lobuthixo, olo lungasayi kunikezela nanini na.
Buve buxibilika ubunzima bokusokola kunye noloyiko kuwe, nanjengoba uqiqa ukuba uThixo zange nakanye abe ngonomkhethe, ongabandakanyiyo kunye nofumbathileyo/ obambezelayo.
Uthando lwakhe lwasoloko lufezekile, kwaye noloyiso lwakhe luhlala luphelelisile, Ulwango lwakhe tyaba mhlaba wonke jikelele Phumla koku kulunga kungunaphakade Ukuyeke wethu kukuhlamb’intliziyo,
ingqondo yakho, kunye nobukho obu bakho.
Yiyo lena inene ekwakudala uyilangazelela- uThixo oluthandw’inyaniso, ngokungapheziyo nangokungapheliyo Unaphakade ngaphandle kwesithintelo.